Printer-Friendly PDF Version
US Legal (8.5 x 14)
.pdf
Download Adobe Acrobat Reader

 

Umhla Womgwebo !
21May 2011

hourglass

Zanikwa igunya lokungababulali, bathuthunjelwe nje kodwa inyanga ezintlanu; intuthumbo yazo yayinjengentuthumbo yoonomadudwane, xa athe wamhlaba umntu.   Isityilelo 9:5

Siphelo Selizwe
21Oktoba 2011


Injongo yeliphetsana kukukwazisa ngokungxamiseka okukhulu apha emhlabeni, ukuba ubani nobani abuyele kuThixo. IBhayibhile liLizwi likaThixo! Yonke into echazwa sisiBhalo inegunya elipheleleyo likaThixo ngokwaKhe. Ngoku, ngelixesha, ulwazi olusuka esi Bhalweni luveza ngokucacileyo icebo likaThixo loMhla womGwebo nesiphelo selizwe ngokwalo. IsiBhalo siveze imfihlelo zaso malunga nexeshalomgcelele wembhali. Olu lwazi azange lwaziwe ngaphambili ngoba uThixo ebelivalile iLizwi laKhe ethintela zonke inzame zokufumana ulwazi ngesiphelo selizwe sifunda ngako encwadini kaDaniyeli:

Daniyeli 12:9 Yathi, hamba, Daniyeli, kuba amazwi ayakuvalelwa, atywinwe kude kube lixesha lokuphela.

Ngokoke kulomhla wethu, uThixo ulivulile iLizwi laKhe(isiBhalo)ukuvelisa into eninzi yenyaniso malunga nesiphelo samaxesha (nezinye imfundiso ezininzi). Kwakhona kakwesisahluko sinye sika Daniyeli, ithi:

Daniyeli 12:4 But thou, O Wena ke, Daniyeli, wavalele amzwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela Baninzi abayakuyiphengulula kwandiswe ukwazi.

UThixo utyhila ilizwi laKhe ngoba sifikelele kwixesha lesiphelo. Ngeso sizathu ke iye yazicacela lento kumfundiwe siBhalo ozimiseleyo ukuba siphila ngoku kwintsukwana zokugqibela zembali yomhlaba. Enyanisweni ngenxayoba siphila esiphelweni samaxesha.UThixo ngoku utyila ebantwini baKhe olulwazi lulanelayo:

IKHALENDA YESIBHALO YEMBALI

INkosi ityile kubantu bayo ulwazi lwekhalenda yesiBhalo ifunyanwa kumaphepha eBhayibile. Umlibo wokuzalwa kwincwadi yeGenesis, iqala kwisahluko sesi 5 nese 11 ingaboniswa njengethe ngqo! Ikhalenda yembali yoluntu kulomhlaba. IKhalenda yesiBhalo yembali icokiseke ngokupheleleyo ithembekile.

Ngenxayoba le khalenda yesiBhalo siyinikwe nguThixo elizwini laKhe ingathenjwa ngentliziyo epheleleyo. Kweliphetshana lincane. Sizakwabelana ngezinye izigqibo ezikhutshwe kwikhalenda yesibhalo nakwezinye izahluko ezifundisisiweyo. Nongona kunjalo, ulwazi olukhoyo luninzi kakhulu kwaye lunzima ukungena kwincukacha eninzi kweliphetshana; kodwa singa kwazi ukuthi sikunike imihla i(date) echaneke ngqo! Le mihla i(date) Ingathenjwa ngokupheleleyo ngoba iphuma ngqo! esibhalweni. ( uEBible akanandibaniselwano noFamily Radio; nangona kunjalo, sikukhuthaza ngokupheleleyo ukuba ungafumana incwadi SIMAHLA (free), ethi “WE ARE ALMOST THERE!” Ngokubhalela kule dilesi ilandelayo: Family Stations, Inc., 290 Hegenberger Rd., Oakland, CA 94621. Le ncwadi ingena kakhulu kwincukacha malunga nexesha loMhla Womgwebo nesiphelo selilizwe. Kwakhona ungafunda uthabathe nangeKhompyutha kwinethi u WE ARE ALMOST THERE! ku: www.familyradio.com).

AMAXESHA EZIGANEKO EZIBALULEKILEYO KWI MBALI

11.013 BC—Indalo, UThixo wadala ihlabathi nomntu (UAdam no Eva).

4990 BC—UNogumbe womhla kaNowa. Batshabalala bonke kuNogumbe welizwe lonke. NguNowa, umfazi wakhe noonyana bakhe abathathu nabafazi babo abasalayo emkhombeni(6023 yeminyaka emva kwendalo).

7 BC—Unyaka wokuzalwa kukaYesu Kristu(11.006 yeminyaka ukusuka kwindalo).

33 AD—Unyaka wokubethelelwa kuka Yesu Kristu emnqamlezweni, nokuqala kweminyaka yamabandla (11.045 yeminyaka ukusuka kwindalo, 5023iminyaka yekhalenda ukusuka kuNogumbe).

1988 AD—Ngunyaka wokupheliswa kwamabadla nokuqala kwembandezelo enkulu engama 23 yeminyaka (13.000 yeminyaka ukusuka kwindalo).

1994 AD—Ngomhla we 7 ka Septemba imihla engama 2300 yokuqala yembandezelo enkulu, ifika esiphelweni, ulawulo lokugqibela iyaqala, malunga necebo li kaThixo lokusindisa isihlwele esikhulu, ngaphandle kwamabadla (13.006yeminyaka ukusuka kwindalo).

2011 AD—Ngomhla we21 kaMay, ukuqala komhlawoMgwebo noxhwilo (ukuthathwelwa phezulu ezulwini kwaba nyulwa bakaThixo) iyakwenzeka ekupheleni kwama 23 yeminyaka yembandezelo enkulu. ngomhla we21 Oktoba ilizwe lizokutshatyalaliswa ngomlilo (ngama7000yeminyaka ukusuka kuNogumbe; 13.023 yeminyaka ukusuka kwindalo).

IMINI ENYE INJENGE WAKA LEMINYAKA

Umntwana kaThixo ufundile ngokwe Bhayibhile ulwimi lwe Genesis7 unengcaciso ezimbini:

Genesis 7:4 Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndíze ndinise imvula ehlabathini imini zibe mashumi amané nobusuku obumashumi amané, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.

Ngokwembali, njengoba uThixo wawathethayo lo mazwi, kwakusele intsuku ezisixhenxe zoba uNowa angene nosapho lwakhe emkhombeni, nezilwane ukungena elukhuselweni lomkhome, kodwa ngokomoya (kwaye isiBhalo yincwadi yomoya)uThixo wayethetha kubo bonke abantu basemhlabeni, kwaye wayesitsho ukuthi umntu ongumoni uyakuba nama 7000 eminyaka ukufumana Inkuseleko kwintsindiso eze ngoYesu Kristu. Singakwazi njani oku? Siyazi ukuba kunjalo ngenxa yendawo esiyi funde kuII Petros, kwisahluko se 3:

2Petros 3:6-8 Elathi ngezozinto ihlabathi lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala kelona izulu langoku nawo umhlaba lo, kwa ezozinto ziqwetywelwe, zigcinelwe umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneliThixo. Elathi ngezozinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamazi, latshabalala. Ke lona izulu la ngoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentsabalalo yabantu abangahloneli Thixo. Lento ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, kuba phambi kweNkosi imini enye inje ngeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.

Umxholo ka 2Petros 3 ubaluleke kakhulu! kwizahluko zimbalwa zokuqala, uThixo usibonisa ngentsabalalo yelizwe kwintsuku zikaNowa. Ngoku sifumana indawo eyenza umdla kakhulu, indawo ethi lendawo ithi, lento inye “mayingafihlakali” imini enye inje nge waka leminyaka, iwaka leminyaka linje ngemini enye, Ngokukhawuleza xa silandela lendawana, yingcaciso engacacanga gca, yokuphela kwelilize ngomlilo.

Inoba usixelela ntoni uThixo ngokufanisa imini enye newaka leminyaka?

Kuba sifumene ikhalenda yesibhalo, yembali, esemaphepheni esibhalo, sifumene ikuba uNogumbe wentsuku zikaNowa wenzeke ngonyaka ka 4990 BC. Lo nyaka i(date) yenzeka ngokupheleleyo(ukufumana incukacha ngomngcelele wexesha, lembali ngokwesiBhalo (Biblical Timeline of History) sicela undwendele u www.familyradio.com).  Yayingunyaka ka 4990BC. Apho uThixo wayiveza kuNowa ukuba iyakuba zintsuku ezisixhenxe amanzi kaNogumbe abe phezu komhlaba. Ngoku ukuba sifaka iwaka leminyaka kwisuku ngalinye lezintsuku zisixhenxe, sitsho sifumane ama7000eminyaka, kwaye xa sifaka ama7000eminyaka kwikamva ukusukela kunyaka ka 4990BC, sakufumanisa ukuba sifumana u2011AD.

   4990 + 2011 = 7001   

QAPHELA: Xa ubala usuka kwitestamente endala ungene nakwentsha, fanele uthabathe unyaka omnye, ngoba akakho unyaka ongu (zero) iqanda(ekubaleni) iziphumo nazi:

   4990 + 2011 – 1 = 7000 yeminyaka ngqo.

Unyaka ka 2011 AD uyakuba ngunyaka wama 7000 eminyaka ukusukela kuNogumbe wemihla kaNowa. Iyakuba sisiphelo sobude bexesha elinikwe umntu ukufumana inceba emehlweni ka Thixo. ukutsho ukuthi ixesha lokufumana ukusindiswa kuKristu liye lalifutshane kakhulu. Sikufutshane kakhulu kunyaka ka 2011AD! Ayonto ingaqhelekanga into yokuba abantu bakaThixo banikwe isityilelo sexesha lesiphelo. Enyanisweni iSobhalo sisixelela ukuba yinto ehlal’isenzeka, kumaxesha angaphambili UThixo ubalumkisile abantu baKhe abaphila kufuphi nexesha lomgwebo:

Amos 3:7 Inene, ayikhe iyenzé into iNkosi uYehova, ingathanga uluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti.

Hebrews 11:7 Ngokholo uNowa, ehletywelwe nguThixo ngazo izinto ezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, awathi ngalo waligweba ihlabathi, waba wayindlalifa yobulungisa obungokokholo.

IMINI YOMGWEBO: 21MAY 2011

Siyazi ukuba unyaka ka2011 ngunyaka wama 7000 ukusuka kuNogunbe. Siyazi nokuba uThixo uzakulitshabalalisa ilizwe ngalo nyaka. Kodwa xeshaliphi kulonyaka ka 2011 ukwenzeka kwawo?

Impendulo iyakhwanqisa. Makhe siphinde sikhangele kwimeko kaNogumbe kwincwadi yeGenesis:

Genesis 7:11 Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi bukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.

Ngokunyaniseka eliZwini laKhe, uThixo wawuzisa uNogumbe emvakwe ntsuku ezisixhenxe kulonyaka wama600, ngosuku lwe 17 kwinyanga ye2 kwiKhalenda enxulumaniswe nobomi bukaNowa. Yayilusuku lwe 17 kwinyanga yesibini apho uThixo wavala icango lwenqanawe, eqinisekisa ukhuselo lwabaKhe. Ebonakalisa ngokupheleleyo kubobonke abangaphandle kwenqanawe. Ngokuqinisekileyo ukuba bazakutshabalala bonke ngoku kuloo ntshabalalo yelizwe:

Genesis 7:16,17 Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo ebawisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi. Yaba ngunogumbe imihla emashumimané ehlabathini, anyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.

Ngaphambili kuxeliwe ukuba ixesha lamabandla lifikelelwe esiphelweni ngonyaka ka1988AD. Kwenzeka ukuba ixesha lamabandla, láqala ngomhla wePentekoste (22 May) kunyaka ka33AD. Kwenzeka emva kwe 1955yeminyaka ixeshala mabandla lafikelela esiphelweni ngomhla we21 May, eyayingumhla omnye phambi kwe Pentekoste ku1988.

Isibhalo sisifundisa ukuba ixeshalo kuphelalwa kwamabadla liyakwenzeka xeshanye nokuqala kwembandezelo enkulu:

Matthew 24:21 Kuba ngelo xesha kuyakubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.

Nge21 May 1988, uThixo wagqiba ukusebenzisa imvaba namabandla alomhlaba. UMoya kaThixo wawashiya onke amabandla uSatana, umntu wesono wangena emabandleni walawula ngeloxesha. Isibhalo sisifundisa ukuba elixeshalibi lomgwebo emabandleni iyakubalithuba elingama 23eminyaka. Ama23eminyaka ezeleyo (8400yentsuku ngqo!) iyakuqala ngo 21 May ,1988 uyakuma nge21 May 2011. Olulwazi lwafumaneka eSibhalweni, lwahluke tu kulwazi lweminyaka engama 7000 ukusuka kuNogumbe. Ngokoke, siyabona ama 23eminyaka ezeleyo yembandezelo enkulu iphela ngomhla we 21May2011. Lemini yiyo ngqo! Imini yokuphela kwe kwembandezelo enkulu, kwaye ikwayiyo nalendawo, ithi kuse mva kwama 7000 eminyaka emvako Nongumbe we ntsuku zikaNowa.

Khumbula uThixo wavala umnyango wenqanawa ngomhla we17 ngenyanga ye 2 kwi khalenda kaNowa. Sifumene nokuba umhla we21 May 2011sisiphelo sexesha le mbandezelo enkulu. Kukho ubundlelwane obukhulu phakathi kwenyanga yesibini nomhla we17 wekhalenda kaNowa, ne21May 2011 kwiKhalenda yethu (Gregorian Calender). Olunxulumelwano alunakubonakala nje ngokufundwa, kude kunikwe inqwalasela nakwenye ikhalenda, yesiHebere okanye Khalenda (yeSibhalo). UMay 21,2011 uba ngumhla we17 kwinyanga yesibini kwikhalenda yesiHebere. Ngalento, uThixo uyangqina ukuba sinolwazi oluchanekileyo ngama 7000eminyaka ngomngcelelewexesha ukusukaNogumbe. Umhla we21May,2011 lusuku (yidate) ehlanganayo nosuku uThixo awavalangayo umnyango womkhombe kaNowa. Ngale ndawo nangolunye ulwazi esilufumeneyo esibhalweni, umhla we21May 2011 ngumhla uThixo ayokuthabatha ngayo abonyulwa abakhe abase ezulwini. Umhla we21May 2011 ngumhla womgwebo! Lusuku uThixo avala ngalo usangolwe ntsindiso emhlabeni.

Ngamanye amazwi, Ngokuba nexesha lembandezelo enkulu ephela ngosuku olubalulwa ngomhla we17 kwinyanga yesibini kwiKhalenda kaNowa. UThixo ngaphandle kwamathanda buzo. uchaza kuthi ukuba ngumhla lo azakuvala ngonaphakade isango lokungena emazulwini:

John 10:9 Ndim isango: kuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uyakungena ephuma, afane notyani.

Isibhalo sicace gca! ukuba uKrestu nguye kuphela isango lokungena ezulwini. Nguye *kuphela imbangi yethu ebukumkanini bezulu:

Acts 4:12 Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba kananjalo akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimelwe kukusindiswa ngalo.

Kothi isango(uYesu)lakuvalwa ngoMhla womGwebo, akusekhondlela yantsindiso kwakhona emhlabeni:

Isityilelo 3:7 …Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye,

IsiBhalo sifundisa ukuba ngomhla we21May2011, ngamakholwa enyaniso kuphela awonyulwe nguThixo ukusindiswa (bayakuxhwilwa ) ukuthathelwa phezulu baphume emhlabeni bahlangane neNkosi emoyeni babenaYo ngonaphakade:

1Tesalonika 4:16,17 Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwni inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo lika Thixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala; sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi.

Bonke abanye abantu, izigidi-gidi (billions of people) bazakushiywa ngemva bajongane nobubibentlungu, nobubi bomgwebo kaThixo inyanga ezintlanu (5months) ezimbi zentuthumbo emhlabeni:

Isityilelo 9:3-5 Emsini apho kwaphuma iinkumbi, ezeza emhlabeni, zanikwa ingunya, njengoba benegunya oonomadukudwane bomhlaba. Kwathiwa kuzo, ize utyani bomhlaba zingaboni, nanye into eluhlaza, nanye into engumthi; ibe ngabantu bodwa, bona abo bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo. Zanikwa ingunya lokungababulali, bathuthunjelwe nje kodwa inyanga ezintlanu, intuthumbo yazo yayinjengentuthumbo yoonomadukudwane, xa athe wamhlaba umntu.

ISIPHELO SELIZWE: 21OKTOBA 2011

Ngenceba kaThixo nangemfesane Yakhe engathethekiyo. usinika isilumkiso kwangaphambili azakukwenza. ngoMhla womGwebo 21May 2011 elixesha lenyanga ezi 5 zentuthumbo embi iyakuqalela abemibonke bomhlaba. Iyakuba ngumhla wama 21May2011 apho uThixo ayakuvusa bonke abafileyo, abafa bafakwa engcwabeni. inyikima iyaku dlakaza wonke umhlaba kwaye umhlaba awunabangcina abafileyo babo(Isaya26:21) Abantu abafa besindisiwe bayakufumana ukuvuswa kwemizimba yabo, ngephanyazo, babesebewu shiya lo mhlaba bayokuba kunye neNkosi ngonaphakade. Abo bangasindiswanga bovuswa nabo kodwa imizimba yabo engenabomi iyakusasazwa ebusweni bomhlaba wonke ukufa koba ndawo yonke.

INkosi iyagxininisa kwezinyanga zintlanu zentsabalala kwizahluko zokugqibela ze Genesis isahluko7:

Genesis 7:24 Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci amahlanu.

Inyanga ezintlanu emvakomhla we21May2011iyakuba ngumhla we 21Oktoba 2011. Ngokunjalo lo mhlawe 21Oktoba 2011 ngumhla wokugqibela womthendeleko wokuhlanganisa esibhalweni (owawubanjwa kwanga xeshanye nomthendeleko wokuhlanganisa). Owokuhlanganisa ubanjwa ngenyanga yesixhenxe kwiKhalenda yesiHebere. Indlela uThixo athetthangayo ngalomsitho esiBhalweni yahluke kakhulu:

Eksodos 23:16 …Nomthendeleko wokuhlnganisa, osekupheleni konyaka, ekuhlanganiseni kwakho imisebenzi yakho entsimini.

Eksodos 34:22 Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni konyaka.

Umthendeleko we tempile /Wokuhlanganisa wawubizwa ngoba “ngowokuphela konyaka” nangona wawuqhutywa ngenyanga yesixhexne kwiKhalenda yesiHebere, ingeyo mpela nyaka. Isizathu sale nzalisekiso yomoya ingakumbi lo wona umthendeleko kukuphela kwelizwe. Usukulokugqibela 21Octoba 2011 lusuku lokugqibela lomthendeleko wokuhlanganisa ikwalusuku lokugqibela lokubakho balomhlaba. isibhalo sibonisa ukuba iyakwenzeka ngomhla we21 Oktoba 2011 kulendawo ilndelayo:

2Petros 3:10 Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.

Kwa, nelizwe lonke nezizwe zonke, bonke abo bonileyo kuThixo bashiywa ngemva basele betshiswa ngomlilo batshatyalaliswe ngonaphakade:

2Tesalonika 1:8,9 Inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu; bona abo baya kuva ukubethwa, inthsabalalo engunaphakade ke leyo bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo;

Ngomhla wama21Oktoba 2011 uThixo uzakuyitshabalalisa kuthi tu! yonke indalo nabo bonke abantu abangafumenanga ntsindiso kaYesu Krestu nayo. Intlawulo ebuhlungu kahkulu yesono nembambano noThixo iyakugqityezelwa kukuphulukana nobomi obunguna phakade, ngo21 ku Oktoba 2011, bonke ababantu bophela nya bangaze baphinde babekho, Hayi ukuba lusizi bendoda enesidima, eyenziwe ngomfanekiso kaThixo, iyakufa njengesilwanyana itshabalale ngona phakade:

Indumiso 49:12 Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

Kuninzi esinokwabelana ngako, Kodwa ndiyakucela mntu, Lumka ixesha lentsindiso lizakuvalwa msinyane. UThixo ulinike ilizwe iminyaka engama 7000 ukusuka kuNogumbe, kwaye ngoku sinentsuku ezimbalwa ukufika kumhla we21 May 2011, Sakuthi siqabuka ixesha libe seliphele tu. Amaqakamba ambalwa aseleyo eglasini yethu yokubala ixesha (our hourglass)zakuba sezitshone zaphela zimke ngonaphakade, Nangona ixesha elincinane lisekho, kusekho ithemba elihle laye nabanina namhlanje:

2Kwabasekorinte 6:2 Kuba uthi, ndakúva ngexesha elamkelekileyo, Ndakúsiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:

Akumthathi xesha lide uThixo ukusindisa umntu. ngeyure zokugqibela zobomi balomoni unezono ezingamasikizi, lo moni emnqamlezweni wasindiswa nguKrestu:

Luke 23:42,43 Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje ùya kuba nam eParadesi.

Umthandazo wethu ngowokuba, ufumane lencwdana ngomoya wokunyaniseka nenkathalo le uyinikwe ngawo. Njenokuba ifunda eliphetshana, sicela uqwalasele ivesi nezahluko zicatshulwe esiBhalweni, ngoba zililizwi likaThixo, nokokuba, ziqulathe ngokwenene amandla negunya. Kuphela kwethemba lethu lentsindiso kukufunda ilizwi likaThixo. Kungoku apho isango(uKristu) lentsindiso livuliweyo. Kungoku apho uThixo asindisa isihlwele esikhulu elizweni lonke ngaphandle kwemvaba namabandla:

Isityilelo 7:9,13,14 Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,…Aba bathiwe wambu ngengubo ezindde ezimhlophe bangoobani na? bevelaphi na? Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo.Yathi kum, Aba ngabaphumáyo embandezelweni enkulu, bazihlamba ingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.

UThixo usindisa ngokuva iLizwi laKhe, hayi ngenye indlela:

KwabaseRoma 10:17 Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.

Funda isiBhalo nosapholwakho lonke (ingakumbi abantwana) njengokuba ufunda, thandazela inceba. Thandaza kuThixo wenceba nonesisa wesiBhalo mhlawubi uyakusindisa kwintshabalalo esondelayo. Siyafunda ngokuncane ngemfesane kaThixo engummangaliso kwincwadi kaYona. UThixo waqala ngokubalumkisa nabo abemi baseNiniva ngentshabalalo ezela isixeko sabo:

Yona 3:4-9 UYona waqala ukungena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mané, iNinive ibhukuqwe. Amadoda aseNinive akholwa kuThixo, amemeza uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo. Lafika ilizwi elo kukumkani waseNinive; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini. Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNinive ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi; maze azigubungele ngezirhwexayo umntu nempahla enkulu, akhale kuThixo ngokuna mandla, abuye elowo andleni yakhe embi, elungonyamelweni olusezandleni zakhe. Ngubani na owaziyo ukuba akangebuyi kanti azohlwaye uThixo, abuye ekuvutheni komsindo wakhe ukuze singabhubhi?

UThixo zange abatshabalalise abemi base Niniva. Nangona kunjalo, akubonakalingathi uThixo angangazenzi injongo zakhe zokutshabalalisa umhlaba ngo2011, Singazi ngezenzo zakhe kubantu baseNiniva ukuba uThixo (tenderhearted) untliziyo enothando ezeleyinceba. Ifanele kukusikhuthaza lonto ngabanye siye kuThixo simbongozele ubunzulu benceba yakhe.

Indumiso 86:15,16 Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso. Ndíbheke, undibabale…

 

Ngolwazi olungcono ndwendwela:

www.ebiblefellowship.com

Simamele emoyeni “sisasaza nge intanethi” icandelo lethu okanye ulandele iPaiktaalk simahla. Ungasitsalelasimahla ku: 1-877-897-6222 (eUSA /eAMERIKA kuphela). 

Ungawushiya umyalezo okanye ubuzo okanye loonto ufuna ukuyithetha kwa:

  www.ebiblefellowship.com/contactus

Okanye sibhalele ku:

EBible Fellowship, P.O. Box 1393, Sharon Hill, PA 19079 USA

May21_2009.08.10-Xhosa